UTANDO (Xhosa Version)A Poem by Zamantungwa Da PoetessDedicated to the love of my life Sfiso, its written in xhosa but there is an English version, soon to be posted. :-)
Unditandile
Ewe ude wavuma Kuba xa ndisecang’ kwakhe Uziva ephelele njengendoda Uy’thete le endibambe ngesandla Endijonge kwintlantsi zamehlo Ewe unditandile Ndimtandile Kuba undenze ndancuma Emva kwexesh’ elide ndingenavuyo Undenza ndizive ndingumntu Iimincili yomzimba wam yonke Ayikwaz nobambeka Ngelixa eyam intliziyo ijonge kwesam isinqandamathe Ewe ndimtandile Siyatandana Ungowam Ndingowakhe Iintliziyo zethu zibetha kanye Kwaye kuyawuhlala kunjalo Uske anditeketise ngelika “standwa” Ndibetwe ngamahloni, Ndipendule ngelika “tat’ ekaya” Sendipuzwa nje kudala ndinxaniwe Lunxano bendingenakulizalisekiza ngaphandle kwakhe Izandla zakhe emagxeni ami Sisiqinisekiso Kudala silindele elithuba Ewe siyatandana QDP I tweet @PompomLaugher please do follow me © 2013 Zamantungwa Da PoetessAuthor's Note
|
StatsAuthorZamantungwa Da PoetessJohannesburg, Gauteng, South AfricaAboutI write poetry to heal, celebrate and encourage myself through life. I write on every topic that touches me at the very moment and I'm also working on a song/poem collabo with an upcoming South Africa.. more..Writing
|